XHOSA
INKCAZELO EMFUTSHANE NGOKUSEBENZA KOMTHETHO KULANDELELWANO KMYOLELOFA ELINGENAMYOLELO (UMYOLELO)
Umhla woqulunqo: Meyi 2005
Akukho suntswana leli nqaku elinokukhutshwa kwakhona okanye lidluliselwe nangaluphi na uhlobo okanye nangaziphi iindlela ngaphandle kwemvume efunekayo ebhaliweyo.
ISIQULATHO
Umhlathi Isihloko Iphepha
INTSHAYELELO
IINGQIQO EZISISISEKO
Ukumela umntu
Isabelo somntwana
IMIQATHANGO YOLANDELELWANO KWILIFA ELINGENAMYOLELO
Umqathango 1: Iqabane okanye amaqabane omtshato, kodwa akukho nzala
Umqathango 2: Alikho iqabane lomtshato, kodwa kukho inzala
Umqathango 3: Iqabane okanye amaqabane omtshato nenzala
Umqathango 4: Akukho qabane okanye inzala, kodwa abazali bobabini bayaphila
Umqathango 5: Akukho qabane lomtshato okanye inzala, mnye umzali ophilayo, umzali obhubhileyo ushiye inzala
Umqathango 6: Akukho qabane okanye inzala, mnye umzali ophilayo, umzali ongasekhoyo akashiyanga nzala
Umqathango 7: Iqabane, inzala okanye abazali, bobabini abazali bashiye inzala
Umqathango 8: Akukho qabane, inzala okanye abazali, mnye umzali oshiye inzala
Umqathango 9: Akukho qabane, inzala okanye umzali, akukho mzali oshiye inzala
Azikho iindlalifa zelifa elingenamyolelo
UKUBAMBELA OKUNGUMMISELO
ULANDELELWANO KWILIFA ELINGENAMYOLELO
INTSHAYELELO
Umthetho wolandelelwano apho kungekho myolelo umisela iindlalifa zelifa longasekhoyo kwezi meko zilandelayo:
a Xa umfi engakhange axele ukuba ipropati yakhe mayidluliselwe ngemyolelo okanye ngesivumelwano saphambi komtshato; okanye b Apho kungakwazekiyo ukuphumeza iminqweno yongasekhoyo ngenxa yokuba iindlalifa, umzekelo, azikwazi ukulithatha ilifa okanye azinqweneli ukulithatha ilifa okanye zibhubhe phambi kwakhe.
Kuyenzeka ukuba umntu abhubhe engenzanga myolelo konke okanye enze inxalenye yomyolelo. Umzekelo wale myolelo yamva kuxa umfi eshiye inxalenye yelifa lakhe kumyolelo ocacileyo, kodwa angayilungiseleli intsalela. Kwimeko elolu hlobo inxalenye ekwimyolelo, iya kudluliselwa ngokwemigqaliselo nangokuxhomekeka kwimiqathango equlethwe ngumyolelo, ngeli xa intsalela yelifa elingekho kumyolelo iya kudluliselwa ngokwemiqathango yolandelelwano apho kungekho myolelo.
Phambi kwesigqibo kwi- Bhe and Others v Magistrate Khayelitsha and others, Case No 49/03 esagqithiswa yiNkundla yoMgaqo-siseko ngowe-15 Okthobha 2004, imiqathango yolandelelwano apho kungekho myolelo yayingasebenzi kwabamnyama ababhubhe bengenzanga myolelo kwaye betshate umtshato wesintu. Isigqibo se-Bhe sikutshintshile oku ngoku, kwaye ngoku amafa abantu bonke nokuba baloluphi uhlanga, isithini inkcubeko yabo, ababhubha bengenzanga myolelo, aya kulawulwa yimiqathango yolandelelwano kwilifa elingenamyolelo njengoko yandlaliwe kumThetho woLandelelwano kwilifa elingenamyolelo, 81 wowe-1987.
IINGQIQO EZISISISEKO
Phambi kokuxoxa ngemiqathango yolandelelwano apho kungekho myolelo kufanelekile ukuba sichaze iingqiqo ezithile ezibalulekileyo ukuze siqonde imiqathango.
Ngokweenjongo zeenkcazelo eziza kulandela i-stirpes sithetha umntwana ophilayo kamfi nomntwana osele ebhubhile onenzala. Umntwana obhubhe kuqala kamfi onenzala enye okanye ngaphezulu wenza i-stirpes esinye.
Umzekelo:
S = iqabane lomtshato elisaphilayo
A, B & D = abantwana ababhubhe kwangaphambili
C = umntwana
F, G & H = abazukulwana
U-C wenza i-stirpes kuba ngumntwana ophilayo kamfi, ngeli xa u-A no-D besenza i-stirpes ngenxa yokuba benenzala ephilayo. U-B akananzala iphilayo ngoko ke akenzi i-stirpes.
Ukumela umntu
Ukumela umntu kuyenzeka, xa kufanelekile naxa kunokwenzeka, ukuba indawo yendlalifa engakwaziyo okanye enganqweneli kuzuza ilifa, ithathwe ngomnye okanye ngabanye benzala yakhe.
Umzekelo:
S = iqabane lomtshato elisaphilayo
C = umntwana obhubhe kwangaphambili
A, B = abantwana
D & F = abazukulwana
Kulo mzekelo ungentla, u-D no-F baya kumela umntwana obhubhileyo kamfi, u-C, ukuba akukho sithintelo sokuba bazuze kmyolelofa likamfi.
Isabelo somntwana
Ngokwemigqaliselo yecandelo (f) lomThetho woLandelelwano kmyolelofa elingenamyolelo, 1987 njengoko ulungisiwe sisigqibo se-Bhe isabelo somntwana sibalwa ngokwahlula ixabiso lelifa ngokwemali ngenani elilingana nenani lee-stirpes zikamfi (oko kutsho inani labantwana bakamfi abaphilayo okanye ababhubhe phambi kwakhe kodwa benenzala esaphilayo) kwakunye namaqabane omtshato aphilayo kamfi. Oku kungaboniswa ngolu hlobo lulandelayo:
Masithi ixabiso lelifa likamfi ngokwemali lingama-R500 000 kwaye unabantwana abathathu abaphilayo kunye nabafazi ababini abatshatwe isintu. Isabelo somntwana siya kubalwa ngolu hlobo: R500 000 ÷ 5 (3 stirpes + 2 amaqabane omtshato) = 100 000. Isabelo somntwana siya kuba li-R100 000.
Ngokubhekiselele kwicandelo 1 (d) lomThetho woLandelelwano kwilifa elingenamyolelo, iqondo lozalwano phakathi kwabegazi bakamfi nomfi lingahlulwa kabini, sithi iqondo lozalwano kwisebe elingqalileyo lomnombo neqondo lozalwano kwelinye isebe lomnombo.
Kwisebe elingqalileyo lomnombo, iqondo lozalwano lilingana nenani lezizukulwana phakathi kwesinyanya nomfi okanye phakathi kwenzala nomfi (ngokwemeko leyo).
Umzekelo:
Abazali nabantwana bomfi bayazalana bobabini nomfi kwiqondo lokuqala.
Oomawokhulu nabazukulwana bayazalana nomfi kwiqondo lesibini.
Oomawokhulu
Abazali
Umfi
Abantwana
Abazukulwana
Kwelinye isebe lomnombo, iqondo lozalwano lilingana nenani lezizukulwana phakathi kwabegazi nesinyanya esisondeleyo, kunye nenani lezizukulwana phakathi weso sinyanya nomfi.
Umzekelo:
A & B = abazali ababhubhe kwangaphambili
E = umfi
S = iqabane lomtshato elibhubhe kwangaphambili
F & G = oomalume / oomalumekazi
H & I = abazala
J = abanye abazala
U-C & D, oomawokhulu ababhubhe kwangaphambili, zezona zinyanya zisondeleyo zika-J no-E (umfi). U-J uzalana nomfi kwiqondo lesihlanu.
IMIQATHANGO YOLANDELELWANO KWILIFA ELINGENAMYOLELO
Ukwabiwa lwelifa ngokwemigqaliselo yomThetho yoLandelelwano kwilifa elingenamyolelo 81 wowe-1987 kungashwankathelwa ngemiqathango elithoba.
Umqathango 1: Iqabane okanye amaqabane omtshato, kodwa akukho nzala
Ukuba umfi ushiya iqabane okanye amaqabane omtshato, kodwa kungekho nzala - iqabane okanye amaqabane omtshato ngawo azindlalifa. Kwimeko apho umfi yayingumyeni kwimitshato yesintu engaphezulu kwesinye, amaqabane omtshato asaphilayo aya kuzuza ilifa ngezabelo ezilinganayo. Umqathango 1 ungachazwa ngale mizekelo ilandelayo:
Umzekelo A:
Xa umfi ebeliqabane kumtshato apho kutshatwa umntu omnye waze akashiya nzala:
E = umfi: S = iqabane lomtshato: A = utata: B = umama: C = ubhuti
Iqabane lomtshato elisaphilayo lilo indlalifa apho kungekho myolelo, nokuba ilifa lilixabiso elingakanani.
Ukuba amaqabane omtshato ebetshate apho into yomnye iyeyomnye, iqabane lomtshato liya kufumana isiqingatha ngenxa yokuba betshate umtshato wokwabelana ngento yonke nesinye isiqingatha ngokwemigqaliselo yecandelo 1 (a) lomThetho 81 wowe-1987.
Ukuba amaqabane omtshato apho ingulowo umntu enezakhe izinto, iqabane eliphilayo liya kuzuza lonke ilifa ngokwemigqaliselo yecandelo 1 (a) lomThetho 81 wowe-1987.
Umzekelo B:
Apho umfi ebeliqabane kumtshato wesithembu (indoda itshate abafazi abaninzi ngokwesintu) kwaye engashiyanga nzala.
A & B = abazali bomfi; E = umfi; C no-D = amaqabane omtshato wesintu kamfi.
Ngokwemigqaliselo yecandelo 1 (a) yomThetho wowe-1987, njengoko ulungisiwe sisigqibo seNkundla yoMgaqo-siseko kwi-Bhe and Others v Magistrate Khayelitsha and Others, amaqabane omtshato amabini kamfi (u-C no-D) baya kuzuza izabelo ezilinganayo zelifa aze ashiywe ngaphandle amanye amalungu osapho. Ukuba umfi ushiye ngaphezulu kwamakhosikazi amabini esintu aze angashiyi nzala, ngoko ke onke loo makhosikazi aya kuzuza izabelo ezilinganayo zelifa.
Umqathango 2: Alikho iqabane lomtshato, kodwa kukho inzala
Ukuba umfi akashiyi qabane lomtshato kodwa ushiye inzala - inzala izuza ilifa ngokwe-stirpes kwaye kuvumelekile ukuba umntu amelwe.
Umzekelo:
X = umfi
C = iqabane lomtshato elibhubhe kwangaphambili
E = umntwana obhubhe kwangaphambili
D & F = abantwana
J & K = abazukulwana
Abantwana bakamfi, u-D, E no-F baya kuzuza izabelo ezilinganayo zelifa. Ngenxa yokuba u-E ebhubhe kwangaphambili, inzala yakhe, u- J no-K iya kummela / ize izuze izabelo ezilinganayo zelifa lakhe.
Qaphela oku kulandelayo:
Bonke abantwana bakamfi banelungelo lokuzuza ilifa. Ayenzi mahluko nokuba bazalwe kumtshato wakwamantyi, kumtshato wesintu, ngabantwana abenze abakhe okanye bazalwe ngaphandle komtshato.
Ngokwemigqaliselo yecandelo 1 lomThetho woLandelelwano kwilifa elingenamyolelo, ubugqakhwe abuchaphazeli into yokuba umntu welinye igazi azuze ilifa kumntu welinye igazi.
Umqathango 3: Iqabane okanye amaqabane omtshato nenzala
Ukuba umfi ushiya iqabane okanye amaqabane omtshato nenzala - iqabane okanye amaqabane omtshato azuza ilifa elikhulu kwi-R125 000 ngeqabane okanye ngesabelo somntwana, inzala iya kuzuza intsalela, ukuba ikhona, ngokwe-stirpes kwaye umelo luvumelekile.
Umzekelo:
C = ubhuti
E = umfi
S = iqabane lomtshato elisaphilayo
D = umntwana obhubhe kwangaphambili
F, G = abantwana
H, I = abazukulwana
Qaphela okulandelayo:
Ukuba ixabiso lelifa lingaphantsi kwe-R125 000, iqabane lomtshato eliphilayo kulo mzekelo ungentla, u-(S) liya kuzuza lonke ilifa kushiywe ngaphandle abantwana namanye amalungu osapho.
Ukuba umfi ibiyindoda kumtshato wesithembu kwaye akakho mnye umfazi ophilayo, kwaye ixabiso lelifa lingaphantsi kwe-R125 000 ngoko ke amaqabane omtshato asaphilayo ayakwabelana ngokulinganayo ngentsalela, kushiywe abantwana namanye amalungu osapho.
Ukuba intsalela eza kwabiwa kumyolelo ingaphezulu kwe-R125 000, iqabane lomtshato elisaphilayo liya kuzuza ilifa le-R125 000 okanye isabelo somntwana, nayiphi na enkulu kwaye intsalela iya kwahlulelwa inzala yomfi ngowe-stirpes kwaye umelo luvumelekile. Xa isetyenziswa kulo mzekelo ungentla, iya kuthetha ukuba u-F, G no-D baya kuzuza ilifa eliyintsalela. Ngenxa yokuba u-D ebhubhe kwangaphambili, ilifa lakhe liya kudluliselwa kwinzala yakhe, u-H no-I. Ukuba u-D akashiyanga nzala, isabelo sakhe siya kwahlulelwa abanye abantwana bomfi, u-F no-G.
Ukuba intsalela emayabiwe ingaphezulu kwe-R125 00 kwaye umfi akashiyanga qabane linye lomtshato (isebenza kuphela kwimeko apho umfi ebengumyeni kumtshato wesintu ongekho mnye), ke iqabane lomtshato ngalinye liya kubanelungelo kwisabelo somntwana okanye i-R125 000 nokuba yeyiphi enkulu, phambi kokuba intsalela yahlulelwe inzala kamfi.
Khumbula ukuba, ukuba amaqabane omtshato ebetshate umtshato wokudibaniselana ngempahla, iqabane elisaphilayo liya kufumana isiqingatha ngenxa yokuba litshate umtshato wokudibaniselana ngempahla nesinye isiqangatha ngokwemigqaliselo yecandelo 1 (a) yomThetho 81 wowe-1987.
Abantu abatshate phantsi kwenkolo yama-Muslim namaHindu kufuneka bathathwe njengabatshatileyo kwaye banelungelo lokuzuza ilifa likamfi ngokwemigqaliselo yomThetho woLandelelwano kwilifa elingenamyolelo. Lo mqathango usebenza kuphela xa ingumtshato wenkosikazi enye. Banelungelo lokubanga isondlo kumfi. Jonga Daniels v Campbell NO & Others 2004 SA 331 (CC).
Umqathango 4: Akukho qabane okanye inzala, kodwa abazali bobabini bayaphila
Ukuba umfi akashiyi iqabane lomtshato okanye inzala kodwa ashiye abazali bobabini abasaphilayo - abazali baya kuzuza izabelo ezilinganayo.
Umzekelo:
A & B = abazali bakamfi; C = ubhuti kamfi; E = umfi; S = iqabane likamfi elibhubhe kwangaphambili.
Kumzekelo ongasentla, u-A no-B, abangabazali bakamfi baya kuzuza izabelo ezilinganayo zelifa, zize zishiywe ngaphandle ezinye izizalwane zikamfi.
Qaphela ukuba ayenzi mahluko nokuba abazali bakamfi batshatile, baqhawule umtshato okanye abazange batshate.
Ngokweenjongo zolandelelwano apho kungekho myolelo, abazali bakamfi ngabazali begazi abamzeleyo (ngaphandle kokuba umfi wayenomnye umzali omkhulisileyo ingengabo abazali abamzeleyo.) nabazali abamkhulisileyo. Qaphela ukuba, ukuba umfi wayekhuliswe ngabanye abazali abamenza umntwana wabo, abazali abamzeleyo abathathwa njengabazali bakhe.
Umqathango 5: Akukho qabane lomtshato okanye inzala, mnye umzali ophilayo, umzali obhubhileyo ushiye inzala
Ukuba umfi akashiyi qabane nanzala kodwa ushiya umzali omnye, ngeli xesha umzali obhubhileyo eshiye inzala - umzali ophilayo uzuza isiqingatha selifa ukuze inzala yomzali obhubhileyo izuze esinye isiqingatha selifa.
Umzekelo:
A = umzali kamfi; B = umzali obhubhe kwangaphambili; C = ubhuti kamfi; D = umntakwabo kwenye indlu; E = umfi; S = iqabane elibhubhe kwangaphambili.
Kulo mzekelo, u-A umzali kamfi ophilayo uya kuzuza isiqingatha sentsalela eyabiwayo, ukuze ubhuti kamfi u-C nomntakwabo wenye indlu u-D, baya kufumana esinye isiqingatha selifa esabiwe ngokulinganayo. U-C no-D bazuza isiqingatha selifa engesizuzwe ngumzali ongasekhoyo ukuba ebesaphila.
Umqathango 6: Akukho qabane okanye inzala, mnye umzali ophilayo, umzali ongasekhoyo akashiyanga nzala
Ukuba umfi akashiyi qabane okanye inzala kodwa ushiya umzali omnye ophilayo, ngeli xa umzali ongasekhoyo engashiyanga nayiphi enye inzala - umzali ophilayo nguye kuphela indlalifa.
Umzekelo:
A = umzali
B = umzali obhubhe kwangaphambili
E = umfi
S = iqabane lomtshato elibhubhe kwangaphambili
Kulo mzekelo, u-A umzali kamfi osaphilayo nguye kuphela indlalifa.
Umqathango 7: Iqabane, inzala okanye abazali, bobabini abazali bashiye inzala
Ukuba umfi akashiyi qabane okanye inzala okanye abazali, ngeli xa abazali bobabini beshiye inzala - inzala yabazali ababhubhe kwangaphambili iya kuzuza ilifa eliziziqingatha engezizuzwe ngabazali abo.
Umzekelo:
D = umntakwethu komnye umzali
E = umfi
S = iqabane lomtshato elibhubhe kwangaphambili
Ngenxa yokuba umfi engashiyanga qabane, inzala okanye abazali, ilifa licandwa libe ziziqingatha ezibini - "umama" isiqingatha no "tata" isiqingatha. Isiqingatha somzali ngasinye sidluliselwa kwinzala yakhe. Kumzekelo ongasentla, isabelo sika-A siya kudlulela ku-C okukuphela komntwana wakhe ophilayo, ngeli xa isabelo sika-B siya kudluliselwa ku-C no-D ngokulinganayo. U-C uya kuzuza ilifa ku-A no-B ngeli xa u-D azuza kuphela ku-B.
Umqathango 8: Akukho qabane, inzala okanye abazali, mnye umzali oshiye inzala
Ukuba umfi akashiyanga qabane okanye inzala okanye abazali, ngeli xa emnye kuphela kubazali bakhe ababhubhe kwangaphambili oshiye inzala - inzala yomzali oshiye inzala, yiyo kuphela indlalifa.
Umzekelo:
D = umntakwethu komnye umzali
E = umfi
S = iqabane lomtshato elibhubhe kwangaphambili
Kumzekelo ongasentla abazali bobabini babhubhile kwaye mnye umzali, u-B oshiye inzala. U-D, umntakwabomfi komnye umzali uya kuzuza lonke ilifa.
Umqathango 9: Akukho qabane, inzala okanye umzali, akukho mzali oshiye inzala
Ukuba umfi akashiyi qabane okanye inzala okanye abazali okanye inzala yabazali -ilifa lizuzwa ngosondeleyo ngegazi.
Umzekelo:
A, B = abazali ababhubhe kwangaphambili
E = umfi
S = iqabane elibhubhe kwangaphambili
F = umalume
G = umzala
H = omnye umzala
Kumzekelo ongasentla, u-F, umalume kamfi nguye osondeleyo ngokwegazi, uzalana nomfi kwiqondo lesithathu ngoko ke uya kuzuza yonke intsalela yelifa. U-G uzalana no-E kwiqondo lesine, aze u-H azalane no-E kwiqondo lesihlanu. U-G no-H bobabini abasayi kuzuza lifa ku-E.
Azikho iindlalifa zelifa elingenamyolelo
Umntu usenokubhubha engenamyolelo, engashiyanga namntu onokuzuza ilifa lakhe. Ngokomthetho wethu ongabhalwanga lonke elo lifa liwela kuMbuso/ uRhulumente. Lo mbandela ngoku ulawulwa ngamacandelo 35 nama-92 oMthetho woLawulo lwaMafa 66 wowe- 1965. Inkqubo ithi apho iindlalifa zelifa elingenamyolelo zingaziwayo okanye apho zingekhoyo iindlalifa zelifa elingenamyolelo, umabi welifa ujika ilifa elingenamyolelo libe yimali ukuze emva kokuhlawula amatyala kamfi, ayifake intsalela kwiNgxowa-mali yoMgcini. Ukuba akukho mntu ukwaziyo ukunika ubungqina bokuba unebango kule mali njengendlalifa yelifa elingenamyolelo, kuya kuthi emva kweminyaka angama-30 emva kokuba imali yayihlawulwe kwiNgxowa-mali yoMgcini, lo mali iya kuba yeyombuso / yekarhulumente.
UMphathi weNkundla ePhakamileyo upapasha iinkcukacha ezinxulumene nemali kumafa angenamyolelo ehlawulwa kwiNgxowa-mali yoMgcini amaxesha ngamaxesha kwimibandela engeyoyesiqhelo kwiGazethi kaRhulumente ukuze abantu abanomdla bayibange njengeendlalifa zelifa elingenamyolelo zamafa abantu ababhubhileyo.
UKUBAMBELA OKUNGUMMISELO
Icandelo 1 lithi: "Ukuba inzala kamfi, ngaphandle komntwana omncinci okanye inzala egula ngengqondo, ikunye neqabane elisaphilayo likamfi inelungelo lokuzuza kmyolelofa elingenamyolelo,incama ilungelo layo kulo nzuzo, loo nzuzo iya kunikwa iqabane elisaphilayo."
Qaphela oku kulandelayo:
a Indlalifa mayibe yinzala kamfi;
b Indlalifa efuna ukuncama ilungelo layo kmyolelofa akufuneki ibe ngumntwana okanye umntu ogula ngengqondo.
c Indlalifa neqabane elisaphilayo kufuneka bobabini babenelungelo kwinzuzo ngokwemigqaliselo yemiqathango yolandelelwano kwilifa elingenamyolelo.
d Iqabane elisaphilayo liya kufumana ilifa lendlalifa elincamayo ilifa layo.
Umzobo obonisa icandelo 1 
Umfi Iqabane elisaphilayo (indlalifa)
R25 000 (evela kwinzala)
Inzala (R25 000)
Inzala- Incama inzuzo yama-R25 000
Inzuzo iya kuya kwiqabane elisaphilayo
Icandelo 1 : "Ukuba umntu ukhutshiwe elungelweni lokuba yindlalifa kmyolelofa elingenamyolelo likamfi, okanye uyalincama ilungelo lakhe, inzuzo engeyifumene ukuba ebengakhutshwanga okanye ebengalincamanga ilungelo lakhe, kuya kuthi ,phantsi kwamagatya ecandelwana idluliswe ngokungathi ubhubhe phambi komfi , kwaye ukuba iyasebenza loo nto, ibe ngathi zange akhutshwe."
Qaphela oku kulandelayo:
a Indlalifa akuphelelanga ukuba ibe yinzala kamfi.
b Indlalifa kufuneka ikhutshwe okanye ilincame ilifa layo engenelungelo lalo ngokwemigqaliselo yemiqathango yolandelelwano kwilifa elingenamyolelo.
c Ukuba indlalifa ikhutshiwe okanye iyincamile inzuzo ithathwa ngokungathi ibhubhe phambi komfi, kwaye umntu olandelayo kuluhlu nguye oza kuzuza ilifa elingenamyolelo, ngaphandle kokuba kusebenza igatya lecandelwana 6.
Umzobo obonisa icandelo 1 
a Akukho qabane lomtshato elisaphilayo lizuza ilifa elingenamyolelo. Indlalifa ikhutshiwe okanye iyalincama ilifa, ishiya inzala.
Umfi Iqabane elibhubhe kwangaphambili
Umntwana kamfi (R50 000) Umntwana kamfi - indlalifa (R50 000)
indlalifa Ulincamile okanye ukhutshiwe
Isabelo sakhe siya kuya kwinzala yakhe
b Iqabane lomtshato elisaphilayo liyindlalifa kunye nenye indlalifa ekhutshiweyo okanye encame inzuzo ngokwemigqaliselo yemiqathango yolandelelwano kmyolelofa elingenamyolelo.
Umfi Iqabane elisaphilayo (indlalifa)
R25 000 (evela kwinzala)
Umntwana kamfi - indlalifa (R25 000)
Indlalifa iyancama
Umntwana kamfi (R25 000) isabelo sayo siya kuya kwiqabane
Indlalifa elisaphilayo nokuba linenzala
